Latest News Editor's Choice


News / Local

Yintoni na ngawe muntu wasesintwini?

by Ndzimu-unami Emmanuel Moyo
25 Feb 2013 at 03:56hrs | Views
Khange ndayibona ke mna le. Xa ndiyihamba hambela apha emhlabeni wakuthi kukho iinto ezindixakayo ngabantu bakuti. Kwandile ke ukuva abantu bakuti bethetha ngeengxaki esijongane nazo apha kwe lakuthi e 'Matebeleland'.

Xa waphulaphula ezo ntetho zithethwayo enye yezonto uzakuziva kukuba isizwe siyaphalala. Uzova intetho yokuba aba bantu base Mpumalanga (abantu basesiShoneni ngentetho ivakalayo) basimoshela izwe. Basithathela yonk' imisebensi. Basibulalela iinlwimi zethu.

We muntu wakuthi, yintoni na ngawe? Xa ubona iinto yokuba aba bantu basibulalela iinlwimi zethu, kungani na xa ungamvumela omnye wabo ukuba maka loje emzini wakho usuvumela nakuba kushintshwe ngisho na lu lwimi lwasekhaya?

Uyivumelani na lonto yokuba xa bangeza babe ngomakhelwane bakho nawe usuyoshintsha ulwimi lwakho uthethe olwabo? Yintoni na ngawe ukuba xa nise msebenzini uvele nje uyivumele into yokuba makuthethwe olwabo ulwimi?

Khona na xa ni hlangana estratweni, noma kuse zinhlanganisweni, ezikoleni, uyivumelani na lonto ukuba mayenzeke? Yintoni na ngawe mntu wasesintwini?

Ingabe awuzithandi na ngalo nto uyiyona? Ingabe xa ujonga ufumanis' ukuba iyona civilization ne progress xa uthetha olu lwimi lwase Mpumalanga? Wehlulwa yini na ukuba ubambelele kweyo nto uyiyona?

Yebathu, tongolebani TjiKalanga kaa. Ndiri ambani Tshivenda. Ndoneta nne nga uri tshimwe na tshimwe tshipinga ndi ambe somebody else's language. Keng ka wena motho utjhentjha your own language ha o kopana le Moshona kapa le Motebele? Nna ake satsibi. Ndo o leba zwangu TjiKalanga ngono imi kene basingade. Bano o dzina bekabvuma ne nholo koga na iko ngobe imi ndi n'Kalanga.

Ndithi kuni bahlobo bam, ndiphulaphuleni: ithina luntu lwase Matebeleland kwaphela esingavumela ukuba isitjaba siphalale. Ndithi mna makesijame siqine, sithethe ezethu iinlwimi kude bafunde aba bantu. Ubani na owathi abazukwazi ukufunda iinlwimi zethu?

Makesihambise ntozakuthi abantwa bethu ezikoleni, bafunde babe ngoo njingalwazi, baphathe kwi office inoba zizezo rhulumeni nakuba zi private companies. Iyona ndlela singa qubekisa isizwe sakuthi. Bakalanga ati diyeni banna bebe bo Taluzibo babe ibo baka bhata kube kene muna hulumente kene mu private companies. BaSotho, children ko sekolong. Vhavenda, ari fundzise our children and make them the Scientists and Engineers of tomorrow, the Doctors and Lawyers, the Business Leaders and Industrialists, then rido protector lushaka lwashu.

Ndaboka imi n'Kalanga we Bulilima-Mangwe. Ndolivhuwa. Ke a le boha. Ndiyabulela.


Source - Ndzimu-unami Emmanuel Moyo